Umsebenzi wethu kukuvula amathuba okwabelana ngendawo, izinto zoncedo, nenkxaso ngamaxesha anzima.
Ngaphezulu kweminyaka eyi-8, uAirbnb uncede abantu ngexesha likaxakeka ngephulo Lamakhaya Oncedo. UAirbnb.org linyathelo elilandelayo. Singumbutho ongenzi nzuzo oyi-501(c)(3) ibe sinento yethu esizimisele ukuyenza nebhodi yabalawuli yethu.

Indlela esiqale ngayo.

2012
Okthobha

Eli cebo lize nombuki zindwendwe

Isixeko saseNew York saye safikelwa yiNkanyamba uSandy, enye yezona nkanyamba zakha zambi embalini. UShell, umbuki zindwendwe ka-Airbnb waseBrooklyn, waqhakamshelana noAirbnb ecela ukuvula ikhaya lakhe, elivulela abantu ekwakufuneka befudukile. Iqela lakwa-Airbnb lasebenza iiyure ezininzi lisenzela ukuba le ndawo ifumaneke ngokukhawuleza kubantu ababefuduka ibe kungekudala, baba ngaphezu kwe-1 000 ababuki zindwendwe abavulela amakhaya abo badinga uncedo.

Ibhinqa elineenwele ezinee-curls limi ekhitshini. Lincumile kwaye linxibe ifaskoti enemibala egqamileyo.
Ifoto efotelwe phezulu ebonisa izindlu ezonakeleyo emva kweNkanyamba uSandy
2013
Juni

UAirbnb wenza ukuba ababuki zindwendwe abangakumbi bakwazi ukunceda

UAirbnb uqalisa ilungiselelo lokunceda xa kwehle intlekele elenza Ababuki Zindwendwe emhlabeni wonke bakwazi ukuvula amakhaya abo kubantu simahla ngexesha leentlekele.

2015
Aprili – Meyi

Ababuki zindwendwe kwihlabathi lonke bamkela abasebenzi abancedayo

U-Airbnb wenza isebenze elungiselela inyikima yaseNepal yaye ababuki zindwendwe bamkela iqela lokuqala labasebenzi abancedayo, kuquka namavolontiya avela ku-All Hands and Hearts.

Meyi – Septemba

UAirbnb usebenza nemibutho engenzi nzuzo ukuze aqonde indlela anokunceda ngayo

Ubambiswano lwenziwa neFederal Emergency Management Agency (FEMA) ukuze luncede ekuhambiseni izinto zokunceda ukulungela imo yongxamiseko kubabuki zindwendwe neendwendwe. EGrisi nakwiiBalkans, uAirbnb uqalisa ukusebenza noMercy Corps kunye neKomiti Yokuhlangula Yomhlaba Wonke ukuze abonelele ngezindlu kubasebenzi bohlangulo abatshotsha phambili kwingxaki yeembacu zaseSyria.

UAirbnb ukwaqalise ukubonelela ngezibonelelo zezindlu kwimibutho eyi-15 nangaphezulu edinga izindlu ukuze ihlalise abathengi bayo okanye abaqeshwa bayo kuquka neService Year Alliance, iMake-a-Wish neSummer Search.

2016
Juni

Intsapho yababuki zindwendwe isabela kudubulo olwenzeke kwiklabhu yasebusuku iPulse

Emva kokucelwa ngurhulumente wasekuhlaleni, uAirbnb, u-Uber, noJetBlue baye badibana ukuze babonelele ngeendawo zokuhlala, amatikiti okukhwela ipleyini nezithuthi zokuthutha iintsapho ezifike ngepleyini zize emingcwabeni okanye zizo kutyelela abantu bazo esibhedlele. Esi ibe sisihlandlo sokuqala intsapho ebuka iindwendwe ifaka isandla ekubukeni iindwendwe ezichatshazelwe kukudutyulwa kwabantu abaninzi.

Septemba

I-White House ihlaba iKhwelo Kwiinkampani Zabucala Ukuba Zisabele Kwingxaki Yeembacu Esemhlabeni Wonke. U-Airbnb uyaphendula. Umseki we-Airbnb, uJoe Gebbia wayengomnye wabaphathi abayi-20 ababemenywe nguMongameli uObama ukuba bazibophelele kwingxaki yeembacu.

Novemba

UAirbnb usebenzisana noMake-a-Wish kuba efuna ukunika intsapho enye ngosuku indlu ngo-2017.

2017
Januwari

UAirbnb uzibophelela kwi-International Rescue Committee

Ukuze ancede xa kukhutshwa umthetho ngumongameli waseMerika wokuba kuyekwe ukwamkelwa naziphi na iimbacu nowokuba okwexeshana mabangangeni abantu abasuka kumazwe ayi-7 anamaSilamsi amaninzi, uAirbnb uzibophelela ekunikezeleni ngeendawo zokuhlala kwabo bachaphazelwe ngulo mqathango. Ukuze ancede, uAirbnb uthembisa nangokunikela nge$4 miliyoni kwiminyaka eyi-4 kwi-International Rescue Committee ukuze ancede ngeendawo zokuhlala ezidingwa ngabantu abaye banyanzeleke bafuduke.

Juni

UAirbnb uvula Amakhaya Oncedo ngokusemthethweni

Ngosuku Lwehlabathi Leembacu, uAirbnb wazisa ukuba uza kuphinda-phinda kwiinzame zakhe zokunikezela ngeendawo ngamaKhaya Oncedo. Le nkqubo iye yanceda intsapho yababuki zindwendwe ukuba ivule amakhaya ayo simahla kubantu abachaphazelwe zintlekele okanye ababaleke umlo.

Agasti – Septemba

Ukuza kuthi ga ngoku le ntsapho inceda abantu abangaphezulu kwe-20 000

Intsapho Yamakhaya Oncedo ijongana neentlekele eziyi-4 ngexesha elinye. Inkanyamba uHarvey yaba lelona xesha intsapho yababuki zindwendwe abasebenza kakhulu ngalo. Kwinyanga nje enye, ababuki zindwendwe banceda abantu abangaphezulu kwe-2 000 abaye bafuduka kumaphondo ayi-3. Ngexesha elinye, ababuki zindwendwe bavula amakhaya abo bamkela abo bachaphazelwe Yinkanyamba uIrma, Inkanyamba uMaria nenyikima yomhlaba yaseMexico City.

2018
Septemba

UAirbnb wazisa ngephulo leendawo zokuhlala abeze ngenxa yokugula

KwiNgqungquthela yoMhlaza kaBiden, uAirbnb wazisa ngephulo leendawo ekuhlala kuzo abeze ngenxa yokugula besebenzisana neHospitality Homes, iFisher House neMake-A-Wish. Ngeli phulo, intsapho Yamakhaya Oncedo iza kunikezela ngeendawo zokuhlala kwabo bahamba imigama emide ukuze bafumane unyango.

Novemba

Ababuki zindwendwe bayonceda kwimililo yamahlathi emibini eyahlukeneyo eCalifornia

Emva kweMililo yaseCamp naseWoosley eCalifornia, ababuki zindwendwe abangaphezu kwe-2 500 bavula amakhaya abo ibe abantu abangaphezu kwe-2 300 bafumana iindawo zokuhlala.

2019
Meyi

UAirbnb wenze indlela yokuba ababuki zindwendwe banikele ukuze baxhase Amakhaya Oncedo

Ababuki zindwendwe bebefuna iindlela ezingakumbi zokuba yinxalenye Yamakhaya Oncedo. Ukuze ancede, uAirbnb wazisa iindawo zokunikela ezivumela ababuki zindwendwe ukuba banikele ngenxalenye yengeniso yabo Kumakhaya Oncedo eenkampani esisebenzisana nazo ukuze kubekho imali yeendawo zokuhlala yabo bazidingayo.

2020
Januwari

Ababuki zindwendwe banikezela ngeendawo zokuhlala kubantu abangaphezu kwe-1 000 baseNew South Wales naseVictoria abachaphazelwe kukutsha kwamahlathi aseOstreliya. Eli lelona phulo likhulu lokusetyenziswa Kwamakhaya Oncedo emhlabeni wonke ukuza kuthi ga ngoku.

Matshi

Intsapho yababuki zindwendwe ijongana nobhubhane weCOVID-19

UAirbnb wazisa ngendlela entsha ababuki zindwendwe abanokunikela ngayo ngeendawo zokuhlala kubasebenzi bezempilo nabo basabele kuqala abatshotsha phambili ekulweni lo bhubhane.

Aprili

UAirbnb ulandisile ijelo lakhe lokunikela ukuze nabani na akwazi ukunikela kwimibutho engenzi ngeniso enceda abasebenzi abatshotsha phambili bafumane iindawo zokuhlala.

Disemba

UAirbnb wazisa ngoAirbnb.org

UAirbnb umisela uAirbnb.org, ibe ubhiyozela wonke umsebenzi omkhulu owenziwa ngababuki zindwendwe neenkampani asebenzisana nazo ngamaKhaya Oncedo. Njengombutho ongenzi ngeniso ozimeleyo, uAirbnb.org uza kujongana nokunceda abantu bamkelane emakhayeni baze bancedane ngamaxesha obunzima.

2021
Aprili

Ukwamkela umntu wonke, ukulingana nokungakhethi mntu kuyinto yonke

Ukunceda ekwenzeni umhlaba apho abantu beziva bengabalapha, uAirbnb.org wazisa wonke umntu ngezinto eziliqela azibophelele kuzo ukuze enze umahluko ekwamkelweni komntu wonke, ekulinganeni, nasekungakhethini mntu.

Agasti

UAirbnb.org ubonisa ububele obukhulu ngokwamkela iimbacu zaseAfghanistan

UAirbnb.org uzibophelele ekunikezeleni ngeendawo zokuhlala zokwexeshana kwiimbacu zaseAfghanistan eziyi-20 000 emhlabeni wonke. Imali yokuzixhasa ivela kubantu abanikelayo abaphambili nakuAirbnb. UAirbnb.org usebenzisana nemibutho efumanela abantu iindawo zokuhlala ezintsha kwaye usebenzisana nayo ukuze akwazi ukunceda kwimeko etshintsha ngokukhawuleza.

Disemba

UAirbnb.org ufikelela eyona nto ibalulekileyo yokunika iindawo zokuhlala iindwendwe eziyi-100 000

Ngo-2017, iqela elaliza kuba nguAirbnb.org lazimisela ukufikelela into eyayifuna isibindi yokunikezela ngeendawo zokuhlala ixeshana kwiindwendwe eziyi-100 000 ngamaxesha obunzima. NgoDisemba 2021, uAirbnb.org wenza into engakumbi kunaleyo ebezimisele ukuyenza.

2022
Februwari

Iimbacu zaseAfghanistan eziyi-20 000 zifumana iindawo zokuhlala zokwexeshana

Kwiinyanga ezintandathu emva kokwazisa ngokuzibophelela ekunikezeleni ngeendawo zokuhlala zokwexeshana simahla kubantu abazimbacu zaseAfghanistan, uAirbnb.org uyayifikelela into ebezimisele ukuyenza yokunikezela ngeendawo zokuhlala kwiimbacu eziyi-20 000. Ngenxa yobubele Bababuki Zindwendwe abadlala indima yokunikezela ngeendawo zabo simahla okanye ngesaphulelo, uAirbnb.org uyakwazi ukunikezela ngeendawo zokuhlala kubantu baseAfghanistan abafikayo abayi-1 300 abangakumbi.
Septemba

UAirbnb.org unceda abantu abayi-100 000 ababaleke eUkraine ukuba bafumane iindawo zokuhlala

Emva kokuba iRashiya ihlasele iUkraine ngoFebruwari 2022, bangaphezu kwe-6 miliyoni abantu abayishiyayo. Ngaloo nyanga, uAirbnb.org uzibophelela ekufumaneleni abantu abayi-100 000 indawo yokuhlala yokwexeshana, ibe yimibutho engaphezu kwe-40 esijoyinayo kule nto siyizamayo. Ngenxa yenkxaso enkulu evela Kubabuki Zindwendwe nakubantu abanikelayo emhlabeni wonke, uAirbnb.org ufikelela into ebefuna ukuyenza kwiinyanga ezintandathu ibe usazinikele ekufumaneleni iindawo zokuhlala abantu ababaleke eUkraine.
Indoda enxibe ihempe ebhlu ibambe ikomityi yekofu njengoko imi kwibhalkhoni yayo ijonge kude.
Indoda enxibe ihempe ebhlu iguqe ecaleni kwebhayisekile, ivula iqhaga elimile oku kukaU.
2023
Februwari

UAirbnb.org usabela kwiinyikima eTürkiye naseSiriya

Emva kokwehla kweenyikima ezibubukhulu obuyi-7 nangaphezulu eTürkiye naseSyria, uAirbnb.org unceda abantu abangaphezu kwe-1 600 abasindileyo bafumane iindawo zokuhlala simahla, kuquka abantu abancedisayo nabo basabela kuqala kwintlekele abaye balahlekelwa ngamakhaya abo, neembacu zaseSyria ezazisele zihlala kumazantsi eTürkiye emva kokubaleka imfazwe kwilizwe lazo.
Abantu ababini bahleli esofeni, omnye uthe nca komnye. Ukukhanya kwelanga kungena kwiikhethini ezisemva kwabo.
Indoda, umfazi nomntwana bafunda kunye esofeni. Umntwana utya imifuno eorenji ngoxa ejonge phezulu kulo mfazi.
Juni

UAirbnb.org wazisa Ngephulo Lokunceda elitsha

UAirbnb.org useka Iphulo Lokuxhasa nge$2 miliyoni yeedola zaseMerika ukuze ancede iimbacu nabantu abafuna ukukhuselwa abayokuhlala eMerika.
Agasti

Ngabantu abangaphezu kwe-1 800 abachatshazelwe ngumlilo waseMaui abafumana iindawo zokuhlala kwimeko yongxamiseko

Emva kokuba umlilo wehlathi utshabalalise iLahaina neenxalenye zommandla weMaui Upcountry, uAirbnb.org usebenzisana nemibutho ethenjiweyo neSebe Leenkonzo Zabantu lePhondo laseHawai'i ukuze afunele abantu abangaphezu kwe-1 800 iindawo zokuhlala zongxamiseko zasimahla.
Abantu benza isangqa bebambene ngezandla ngoxa bemi elunxwemeni phambi kwamanzi.
Ibhinqa elincumileyo lidanisa umdaniso we-hula phantsi kwezibane ezibotshelelwe entanjeni. Kukho intsapho ihleli emva kwalo etafileni yepikniki itya isidlo sangokuhlwa.

Dibana nebhodi yethu.

Jennifer Bond

‘UAirbnb uye wabonisa ukuba namandla okudibanisa abantu nokwamkela abantu ongabaziyo. UAirbnb.org uzimisele ukusebenzisa loo mandla ukuze atshintshe ubomi babantu nomhlaba wethu. Kulilungelo elikhulu ukuba yinxalenye yoku.’

Joe Gebbia

‘Ndikhuthazwa yinto eyaqala ngomyalezo osuka kumbuki zindwendwe omnye, yaza yaba liphulo labantu abayi-100 000 abavula amakhaya abo kwiingingqi zabo. Kweli xesha lobunzima, lo msebenzi ubaluleke kakhulu kunangaphambili.’

Sharyanne McSwain

‘Indawo yokuhlala yenye yezinto ezisisiseko ezifunekayo ebantwini ibe ngenkqubo yalo, iqela lakwa-Airbnb.org linikezela ngeendawo ngeli xesha zifuneka kakhulu.’

Catherine Powell

‘Esebenza ngokusondeleyo neenkampani asebenzisana nazo Nababuki Zindwendwe, uAirbnb.org uye wabona ikhula indlela anceda ngayo ibe usandula ukunikezela ngolona ncedo lukhulu awakhe wanikezela ngalo ukuza kuthi ga ngoku. Ndiyakuvuyela ukusebenzisana ngokungakumbi noAirbnb.org njengeLungu Lebhodi.’

Rich Serino

‘Ndizibonele ngokwam indlela efuneka ngayo indawo yokuhlala ixesha elifutshane emva kwentlekele okanye kwengxaki, ibe uAirbnb.org uza kuqhubeka esindisa kwaye etshintsha ubomi babantu ngokunceda ngeendawo zokuhlala ixesha elifutshane.’

Melissa Thomas-Hunt

‘Ukunikezela ngeendawo zokuhlala xa abantu besengxakini yenye yeendlela zokubonisa ubuntu nokuvelana nabanye. Kuyandonwabisa kakhulu ukuba yinxalenye yeenzame zokwenza umahluko omkhulu nokutshintsha ubomi babantu.’

Jocelyn Wyatt

‘Kuye kwandivuyisa ukujoyina iBhodi ka-Airbnb.org ngenxa yomahluko omkhulu endikholelwa ukuba siza kuwenza ngokunikezela ngeendawo zokuhlala nezinto zokunceda abo badingayo.’

Indlela esisebenza ngayo.

Ukusebenzisana nemibutho engenzi nzuzo

UAirbnb.org unika izibonelelo imibutho engenzi nzuzo edibanisa abantu neendawo zokuhlala ithutyana, enika abantu izinto eziluncedo nenkxaso ekhethekileyo ngamaxesha obunzima. Sikwabonelela nangezindlu ezisimahla nezinezaphulelo ezinikezelwa ngababuki zindwendwe baka-Airbnb.

Ukutyala imali kwi-equity

Sikholelwa ekusebenziseni amandla ethu nezixhobo zethu ukuze sifake isandla ekwenzeni ihlabathi elinobulungisa ngakumbi. UAirbnb.org utyala izimali kwimibutho enamacebo neenkqubo ezihambiselana nokuzibophelela kwethu ekuhambiseleni phambili ubulungisa eluntwini.

Ukuqonda ifuthe lethu

Sifuna ukulandelela ifuthe lenkqubo yethu lenkxaso-mali neyeendawo zokuhlala ukuze ziphucule indlela iindwendwe zethu eziziva ngayo, sinciphise umthwalo wezimali, size someleze iintsapho kwaye senze iindwendwe zethu zizive zisekhaya.

Intsebenziswano neegranti

Okwangoku, uAirbnb.org akazamkeli izicelo zenkxaso-mali. Siza kuthumela inkcazelo malunga nomjikelo wesibonelelo ozayo ngqo kwimibutho engenzi nzuzo efanelekayo.

Indlela esisebenza ngayo noAirbnb, Inc.

UAirbnb.org ngumbutho ozimeleyo noxhaswa ngeemali ngabantu ibe ungumbutho ongenzi nzuzo oyi-501 (c) (3). UAirbnb.org usebenzisa itekhnoloji ka-Airbnb, Inc., iinkonzo kunye nezinye izinto ngaphandle kokubhatala ukuze afeze izinto ezifuna ukufezwa nguAirbnb.org. zokupha. UAirbnb.org yinkampani eyahlukileyo nezimeleyo kuAirbnb, Inc. UAirbnb, Inc. akambizi imali uAirbnb.org yokubhatalela ukusebenzisa kwakhe iwebhusayithi yakhe.

Inkqubo Yamakhaya Oncedo yenziwe nguAirbnb, ibe yesekwa phezu kwesisa sababuki zindwendwe baka-Airbnb, njengendlela yokunceda abantu abasweleyo bafumane iindawo zokuhlala zethutyana. Inkqubo Yamakhaya Oncedo ngoku itshintshelwa kuAirbnb.org, ibe uAirbnb.org uza kwakhela phezu koko sele kuphunyezwe yile nkqubo, ngokuhambelana nenjongo kunye nezinto ezifuna ukuphunyezwa nguAirbnb.org.