Ugqabhuko-dubulo lwemibhobho yegesi eMalaysia

UAmirul waye wanceda abamelwane bakhe bakwazi ukuqala phantsi emva kwentlekele

UAmirul nenkosikazi yakhe uIzzati bahleli esofeni bencumele ikhamera

UAmirul wayebhiyozela usuku lwesibini lwe-Eid kunye nosapho lwakhe kwikhaya labo ePutra Heights, eMalaysia, ngentsasa ye-1 ka-Aprili 2025, xa beva into evakala ngathi yingxolo enkulu yeinjini. Bakroba ngefestile baze babona into engathi yibhola yomlilo. Isakhiwo sasingcangcazela. Bengenalo ixesha lokucinga okanye lokuthatha nantoni na, bathatha intombi yabo baza babaleka baphuma ngomnyango, bebaleka ingozi.Ugqabhuko-dubulo lombhobho wegesi okufutshane kwabangela umlilo owafudusa abantu abangaphezu kwe-500, wenzakalisa abayi-150, waza watshabalalisa nemizi eyi-81.

Iinyawo zomntwana ziboshwe ngeebhandetshi

UAmirul nezihlobo zakhe batshiswa ngumlilo kangangenqanaba lesibini nelesithathu.

UAmirul wayehlala ePutra Heights nomfazi wakhe kunye nentsapho yomfazi wakhe. Ebudeni bogqabhuko-dubulo, uAmirul wayekunye nenkosikazi yakhe, nabazali benkosi kazi yakhe, nezalamane zakhe ezisithoba. Bonke bakwazi ukubaleka kodwa batshiswa ngumlilo kangangenqanaba lesibini nelesithathu. Balahlekelwa yindawo yabo, ibe le ntsapho yasasazeka phakathi kwesibhedlele nendawo yokhuseleko yasekuhlaleni. UAmirul weva ngeendawo zokuhlala zongxamiseko zasimahla ngoAirbnb.org waza wabhukisha indawo yokuhlala ixesha elingangenyanga ngoxa yena nentsapho yakhe besalindele ukulungiswa kwexesha elide kurhulumente wasekuhlaleni. Indawo ababehlala kuyo yayikufutshane nesibhedlele, apho uAmirul nezalamane zakhe babesiya bebuyelela khona ukuze banyangwe izilonda zokutshiswa ngumlilo.

“Ikhaya yindawo ekhuselekileyo. Indawo apho siziva sikhululekile kuyo. Xa sikuyo, siphelelwa ngamaxhala.”

Intsapho ka-Amirul ihlanganisene etafileni yesidlo sangokuhlwa ibe kukho ukutya etafileni

UAmirul yiSuperhost ibe waye wakhawuleza wazibhukishela indawo yokuhlala yexesha longxamiseko, kodwa abamelwane bakhe abaninzi ababekwindawo yokhuseleko babengayiqhelanga le webhusayithi. Nangona wayehamba ngesitulo esinamavili ngenxa yokutsha emilenzeni, uAmirul waya kwiintlanganiso zabantu basekuhlaleni ukuze achazele abamelwane bakhe ngoAirbnb.org aze abancede bavule iakhawunti ukuze bafumane indawo yongxamiseko, simahla.

UAmirul, umbuki zindwendwe osesitulweni esinamavili, uthetha noMatin wakwa-Airbnb.

"Njengombuki zindwendwe, ndaye ndavakalelwa kukuba ndimele ndincede ndize ndikhokele le ntsapho kule nkqubo."

Emva kokuhlala kuka-Amirul kuAirbnb.org, yena nentsapho yakhe bafudukela kwenye iflethi kwakweso sakhiwo. Waye wabuyela emsebenzini ibe intsapho yakhe iyaqhubeka ichacha. Baceba ukwakha kwakhona ePutra Heights.

Yenza okuthile

Joyina intsapho yomhlaba wonke enikezela ngeendawo zokuhlala ngexesha longxamiseko ngamaxesha obunzima.

Funda okungakumbi

Isihlandlo ngasinye sokuhlala sinebali

Bona abantu abachaphazelwe zintlekele nabantu ababancedileyo.