Izikhukula zaseChile
UAirbnb.org, esebenzisana neDesafío Levantemos Chile, unikezela ngendawo simahla, yongxamiseko ebantwini abaye bafuduka ngenxa yemvula enkulu nenkqubo yemozulu embi eChile. Imvula enkulu Yodidi lwe-5, neenkqubo zemozulu ezilandelelanayo ezihamba noEl Niño, zibangele izikhukula nokukhukuliseka komhlaba kwimimandla eyi-10 kweyi-16 yaseChile. Urhulumente ubhengeze imeko yongxamiseko kule mimandla njengoko abasemagunyeni belumkisa ngeemeko ezisongela ubomi, izikhukula ezininzi nokonakala kakhulu kwezindlu. Kukho iingxelo zokufa kwabantu ibe amakhulu amawaka amakhaya awanawo umbane. Abahlali abachatshazelwe zizikhukula banokufaka izicelo zendawo ukuba eyona ndawo abahlala kuyo ikwindawo ekunyanzelekileyo ukuba kufudukwe kuyo, ibe singakwazi ukuqinisekisa ukuba ngabo nyhani. Umele ube neakhawunti ka-Airbnb ukuze uqinisekise ukuba unguwe nyhani, ukuba awunayo ungayivula apha. Ukuba kunesaziso sokuba kuza kufuneka ufuduke okanye ulunyukiswe ngokufuduka, okwangoku awukufanelekeli ukufumana indawo yexesha longxamiseko ngoAirbnb.org.
Ukuba ungathanda ukunceda ngokunikezela ngeendawo simahla ebantwini abachatshazelwe zizikhukula, unganikela kuAirbnb.org. Yonke iminikelo iya ngqo kwiindawo zongxamiseko. Ukuba ungumbuki zindwendwe wakwa-Airbnb, ungavula iakhawunti ukuze unikezele ngeendawo ezinezaphulelo ebantwini abachaphazelekileyo. UAirbnb unikela ngemali ebhatalelwa ukusebenzisa uAirbnb ngumbuki zindwendwe kuAirbnb.org ngezi ndawo ibe ababuki zindwendwe bakhuselwa yiAirCover qho kubhukishwa.