Indlela kaEllie eya ekuzimeleni

“UAirbnb.org wanika mna nentsapho yam indawo xa sasihambela unyango lokolula amalungu omzimba. Siyixabisa nyani indlela awasinceda nawasixhasa ngayo.”
Umzobi uEllie Dean uphila nenxalenye ethile yomqolo eyonzakeleyo. Kwizigidi zabantu abafana noEllie abafuna unyango olukhethekileyo, azikho iindlela zokufumana unyango ezikufuphi neendawo abahlala kuzo okanye azizanelisi izinto ezizidingayo. Xa kufuneka bahambe umgama omde besuka ekhaya, inkqubo yeendawo ekuhlala kuzo abeze ngenxa yokugula yakwa-Airbnb.org yenza kube lula ukuba izigulana zihlale kufuphi nendawo yonyango.

Kuhambo lwakhe lokufuna unyango, uEllie uye wahamba kulo lonke elaseUK naseMerika ukuze afumane unyango. Wayehamba nomama notata wakhe. Ukhumbula ixesha apho utata wakhe waye walala kwimoto yabo eyiveni ngaphandle kuba kwakukho indawo eyaneleyo yomzali omnye kuphela owayenokuhlala naye esibhedlele, ibe bekude kakhulu nekhaya.Kutshanje xa babetyelele eLiverpool, umgama weeyure ezine xa uqhuba usuka kwikhaya lale ntsapho elikufuphi naseStevenage, inkqubo yeendawo ekuhlala kuzo abeze ngenxa yokugula yakwa-Airbnb.org yenze kwakwazeka ukuba wonke umntu ahlale kunye kwindawo etofotofo.
Utyando olwatshintsha yonke intoIbali lokuchacha kukaEllie laqala kwiminyaka engaphezu kwelishumi eyadlulayo, emva kokuba oogqirha baseUnited Kingdom bafumene iqhuma elilingana ne-watermelon encinci esifubeni sakhe. Lalicinezela umqolo wakhe. Sele kuyiminyaka emithathu likho, likhula lingabonwa kwindawo ekunzima ukuyibona. Kwaye yaphantse yamohlutha yonke into.

Iingxaki ezavela xa wayetyandwa ukuze kukhutshwe elo qhuma zakhokelela ekubeni umthambo omkhulu wegazi wophe kakhulu.
“Loo nto [ukulahlekelwa ligazi] yabangela uhlobo oluthile lwe-stroke kumqolo wam, yaza emva koko yenza umonakalo kumqolo wam owakhokelela ukuba umqolo wam wonzakale.”
Xa wayeneminyaka eyi-14, uEllie waye wavuka emva kokutyandwa waza wafumanisa ukuba oogqirha baye baphumelela ekukhupheni iqhuma lakhe. Kodwa wayengasaziva ngokupheleleyo iinyawo zakhe. Olo tyando lwamshiya ekhubazekile ukususela esinqeni ukwehla.
Indlela eya ekuzimeleniXa udibana noEllie namhlanje, inye into ecaca ngaphezu kwazo zonke ezinye: ungumntu osindileyo. Uzichaza njengomntu onobubele, onobuchule nozimiseleyo. Indlela azimisele ngayo ibonakala kwindlela alujonga ngayo unyango lokolula amalungu omzimba.

Inxalenye ethile yomqolo kaEllie eyonzakeleyo ayonakalanga yonke, nto leyo ethetha ukuba usaziva kancinci iinyawo zakhe — wayekwazi ukushukumisa iinzwane zakhe kwasekuqaleni, ibe zazikhona nezinye iimpawu ezazibonisa ukuba usenokufumana amandla athile ekuhambeni kwexesha. Oogqirha bakhe babenethemba. Kwaye babefanele ukuba nalo.Kwiminyaka elishumi kamva, uEllie uzinikele ekufumaneni unyango lokolula amalungu omzimba. Uhamba ngesixhobo sokuhamba esimxhasayo neentsimbi zokuxhasa imilenze, kodwa ngamanye amaxesha imilenze yakhe imane isoyisakala. Ukwinkqubo yokutshintshela kwisixhobo sokunceda umntu ahambe esebenzisa umatshini oza kumnceda afikelele into asebenzela kuyo yokuba azimele ngakumbi. Ngenye imini, unethemba lokuba uza kuhamba ngeentonga zokusimelela.

Indlela uAirbnb.org ancede ngayoUAirbnb.org usebenzisana nemibutho engenzi nzuzo efana noRooprai Spinal Trust eUK ukuze anikezele ngeendawo ezitofotofo nezilungele wonke umntu kwiindwendwe ezifana noEllie xa unyango luzenza zibe kude namakhaya azo. Iindawo ekuhlalwa kuzo ngenxa yezonyango zixhaswa ngokupheleleyo nguAirbnb.org, ukuze iindwendwe ezifana noEllie zikwazi ukuhoya ezona zinto zibalulekileyo ngoxa zinyangwa.

“Ndiyamthanda [uAirbnb.org] kuba ndinokuzisa izinto zam zobugcisa ndize ndichithe ixesha ngazo ngoxa ndifumana unyango lwam lokolula amalungu omzimba.”
Isihlandlo ngasinye ekuhlalwe ngaso sinebali
Bona abantu abachaphazelwe zintlekele nabantu ababancedileyo.




