Nika abantu indawo abaza kuyibiza njengekhaya ngexesha lengxaki.
Buka iindwendwe kwindawo.
Ngexesha longxamiseko, unganceda engingqini yakho ngokunika abantu abasengxakini indawo yokuhlala, kuquka iimbacu.
Qalisa ukubuka iindwendwe Abantu oza kubanceda
Indawo yakho inokuthuthuzela intsapho efuduke ngenxa yomlilo wehlathi, imbacu ethatha uhambo lokusindisa ubomi, umntu onceda ngexesha lentlekele ofika xa kusandula ukuqala inkanyamba.
“Sasiyazi ukuba abantu abenza imisebenzi ephambili babesesichengeni kwiindawo abasebenza kuzo. Saba nalo mbono wokuba singenza njani ukuze sincede nangakumbi?”
UErika, Umbuki Zindwendwe kuAirbnb.org wabasebenzi abatshotsha phambili
Indlela yokuya kuhlala
Indlela yokuqalisa ukwamkela iindwendwe
Ukulungele ukuvula iakhawunti? Siza kukukhokela kwindlela yokwenza indlu yakho uze wabelane ngayo neendwendwe. Ukuze uqale, uza kudinga nje indawo etofotofo neentsuku ezimbalwa zokufumaneka.
Iindwendwe ziyahlolwa zize zivunywe
Sihlola zonke iindwendwe ukuze siqinisekise ukuba ziyafaneleka ukubhukisha indawo yokuhlala zisebenzisa inkqubo yethu, ibe ziyayifikelela imigangatho yoludwe lwezinto ezimele ukuba ziyazenza zokuqinisekisa zika-Airbnb. Uza kukwazi ukubuza imibuzo uze uncokole nabo nabaphi na abantu abanokuba zindwendwe kuyo yonke inkqubo yokubhukisha.
Sikhona ukuze sikuncede
Uza kukwazi ukufumana uncedo olufumaneka imini nobusuku kuyo yonke inkqubo yokubhukisha. Ukwakhuselwe Nasisiqinisekiso Sokubuyiselwa Okulahlekileyo, esibonelela nge$1 000 000 yeedola zaseMerika yokubhatalela umonakalo kwindlu.
Nikela kwiindawo zokuhlala.
Izigidi zabantu kwihlabathi jikelele zigxothwa kwiindawo zazo ngenxa yezidubedube neentlekele. Iminikelo inceda ibhatalele iindleko zeendawo zokuhlala zokwexeshana.
Nikela ngoku Wonke umnikelo wakho unceda abantu abasengxakini.
Asizibhatalisi zonke iimali zeenkonzo, ngoko zonke iidola onikela ngazo zinceda abantu bafumane iindawo zokuhlala xa bezidinga kakhulu. Umnikelo wakho unokunceda intsapho yembacu ifumane indawo yokuhlala xa iqala ukufika okanye umntu onceda ngexesha lentlekele aphumle emva kosuku olude.
“Ndifike kweli lizwe ndiyimbacu ibe ndiza kuzama konke okusemandleni am ukunceda ngendlela nam endincedwe ngayo.”
UAime, umntu onikelayo eDavie, eFlorida, eMerika“Ndiye ndancedisa ekuphuhlisweni nasekuncedeni kwiindawo zasekuhlaleni iminyaka engamashumi amathathu anesihlanu. Ndikuthanda kakhulu ukunceda abanye abantu ngeendlela ezibonakalayo neziqhubekayo. ”
UMichael, umntu onikelayo ePhiladelphia, ePennsylvania, eMerika
Indlela umnikelo wakho osebenza ngayo
UAirbnb naye uyanikela
Sineqela leengcali zemibutho engenzi ngeniso neleteknoloji elisebenza nzima ukuze landise ifuthe lethu. UAirbnb ubhatala zonke iindleko zokwenza le nto, ibe uye wanikezela ngezabelo eziyi-400 000 ukuze abhatalele lo msebenzi.
Yonke imali emele ibhatalwe yokuthumela imali ayizukutsalwa
Asikhe sizisikele, ngoko yonke imali onikela ngayo inceda abantu bafumane indawo yokuhlala ngelona xesha bayifuna kakhulu ngalo.
Imali onikele ngayo ingafakwa kwiindleko kwingxelo yerhafu
Umnikelo wakho ungawufaka njengeendleko kwingxelo yerhafu kangangoko uvuma umthetho wasekuhlaleni. Uza kufumana irisithi yerhafu ukuze uncedakale ukwazi ukugcina ingxelo yemali etsaliweyo.