Imililo kwiindawo zokuhlala eHilo
UAirbnb.org usebenzisana neCatholic Charities USA ukuze anikezele ngendawo yokuhlala simahla, yongxamiseko ebantwini abachatshazelwe yimililo kwiindawo zokuhlala eHilo, eHawaii. Abahlali abachatshazelwe yimililo kwiindawo zokuhlala banokufaka isicelo sendawo yokuhlala kwiCatholic Charities USA. Ukuze ufanelekele ukufumana indawo yokuhlala, kuza kufuneka siqinisekise ukuba eyona ndawo yakho yokuhlala ichaphazelekile ibe singakwazi ukuqinisekisa ukuba ungubani. Umele ube neakhawunti ka-Airbnb ukuze uqinisekise ukuba unguwe nyhani, ukuba awunayo ungayivula apha.
Ukuba ungathanda ukunceda ngokunikezela ngeendawo zokuhlala simahla ebantwini abachatshazelwe yimililo kwiindawo zokuhlala, unganikela kuAirbnb.org. Yonke iminikelo iya ngqo kwiindawo zokuhlala zongxamiseko. Ukuba ungumbuki zindwendwe wakwa-Airbnb, ungavula iakhawunti ukuze unikezele ngeendawo zokuhlala ezinezaphulelo ebantwini abachaphazelekileyo. UAirbnb unikela ngemali ebhatalelwa ukusebenzisa uAirbnb ngumbuki zindwendwe kuAirbnb.org ngezi ndawo zokuhlala ibe ababuki zindwendwe bakhuselwa yiAirCover qho kubhukishwa.