Iimpendulo zemibuzo yakho ka-Airbnb.org.

UAirbnb.org unikezela ngeendawo zokuhlala zongxamiseko simahla ebantwini ngexesha leentlekele zemvelo nangamanye amaxesha obunzima. Sitshintshe izinto ezithile kwinkqubo yethu kule minyaka imbalwa idlulileyo, ngoko siphendula eminye imibuzo eqhelekileyo esiyifumana kubabuki zindwendwe.
ULaura, Umbuki Zindwendwe wakwa-Airbnb.org

UAirbnb.org usebenza njani?

Ngexesha lobunzima njengelentlekele yemvelo, okanye xa kuhanjelwa unyango olusindisa ubomi, uAirbnb.org udibanisa abamelwane abadingayo neendawo zokuhlala zongxamiseko simahla.
Yenza okuthile

Ukuphendula imibuzo eqhelekileyo ngendlela uAirbnb.org asebenza ngayo.

Baseza kubhatalwa ababuki zindwendwe? 

Ewe, kuba uAirbnb.org ubhatalela iindawo zokuhlala zongxamiseko zabantu abadingayo, ababuki zindwendwe bayabhatalwa njengakuyo nayiphi na enye indawo yokuhlala.

Ngaba kufuneka ndivule iakhawunti ukuze ndibuke iindwendwe zika-Airbnb.org?

Akukho mfuneko yokuvula iakhawunti. Iindwendwe zika-Airbnb.org zinokubhukisha nayiphi na indawo kuAirbnb. Uza kuchazelwa kwi-app xa kukho umntu obhukisha indawo yakho ngoAirbnb.org. UAirbnb.org ubhatalela indawo yokuhlala, nto leyo enika iindwendwe inkululeko yokubhukisha eyona ndawo ifikelela izinto ezizifunayo. Le nto ithetha ukuba iindwendwe zethu zinokuhlala kufutshane nesikolo, nomsebenzi, neziko lonyango okanye kwikhaya lazo elonakeleyo ngoxa lilungiswa.

Ngaba ukubuka iindwendwe kwindawo ka-Airbnb.org kufuna ukuba kwenziwe umsebenzi ongakumbi?

Akukho nto yongezelelekileyo efunekayo. Indawo osele unayo inokunceda iintsapho ziqalele phantsi ngamaxesha anzima, ngezinto ezifana nendawo yokuhlamba iimpahla, ikhitshi lokutya kwabantu bonke, okanye indawo yokudlala yabantwana okanye yezilwanyana zasekhaya.

Ababuki zindwendwe banokumnceda njani uAirbnb.org?

Ababuki zindwendwe banokuxhasa uAirbnb.org ngeendlela ezahlukahlukeneyo. Ngokunikela ngqo kuAirbnb.org, kuba yonke iminikelo isetyenziselwa ukubhatalela iindawo zokuhlala zasimahla zexesha longxamiseko. Besebenzisa uAirbnb kwezinye iindawo, ababuki zindwendwe banokunikela ngepesenti ethile yemali nganye abayibhatalwayo okanye babeke isaphulelo kwizinto ezinokubhukishwa benzele iindwendwe zika-Airbnb.org kuphela.

Indlela oncedwa ngayo

Xa ubuka iindwendwe kwindawo ka-Airbnb.org, uyakwazi ukuxhaswa ngendlela oyiqhelileyo njengombuki zindwendwe wakwa-Airbnb, ibe ufumana nochatha. Ukhuselwe yiAirCover Yababuki Zindwendwe, ibe uza kukwazi ukufumana uncedo lweqela lika-Airbnb.org eliqeqeshwe ngokukhethekileyo ukunceda abathengi. Imibutho esisebenzisana nayo yasekuhlaleni ichonga abantu abadingayo, ize ibancede babhukishe indawo yokuhlala ixesha elifutshane nge-app ka-Airbnb—eqinisekisa ukuba bangabo nyhani njengakuyo nayiphi na enye indawo yokuhlala.

Yiva ukuba bathini ababuki zindwendwe baka-Airbnb.org