Inkanyamba uErin
UAirbnb.org unikezela simahla ngendawo yokuhlala yongxamiseko kwabo basabele kuqala kwikhwelo longxamiseko nabantu abafuduke ngenxa yeNkanyamba uErin eCape Verde.
UAirbnb.org usebenzisana neInternational Organization for Migration (IOM) - UN Migration, echonga abo badinga kakhulu iindawo zokuhlala zongxamiseko ize ibadibanise nendawo yokuhlala simahla.Indlela onokunceda ngayo
ungavula iakhawunti ukuze unikezele ngeendawo zokuhlala ezinezaphulelo ebantwini abachaphazelekileyo. UAirbnb akayitsali imali ebhatalelwa ukusebenzisa uAirbnb kubabuki zindwedwe nakwiindwendwe zika-Airbnb.org. Ababuki zindwendwe ababhalisela ukunikezela ngeendawo zabo ngoAirbnb.org bafumana i-inshorensi yokukhuselwa kombuki zindwendwe kumonakalo neinshorensi yokubhatalela umonakalo oqhelekileyo yeAirCover kwindawo nganye ebhukishiweyo.
Ukuba ungathanda ukunceda ngokunikezela ngeendawo zokuhlala simahla ebantwini abachatshazelwe yiNkanyamba uErin, unganikela kuAirbnb.org. Yonke iminikelo iya ngqo kwiindawo zokuhlala zongxamiseko. Ukuba ungumbuki zindwendwe wakwa-Airbnb,