UKUSUKA KUJANUWARI UKUYA KUJUNI 2026
Ingxelo Yendlela Abantu Abancedwe Ngayo
Izinto ezilungisiweyo ngendlela uAirbnb.org ancede ngayo emhlabeni wonke ngo-2026.
Nceda kulo msebenzi
87
Ukunceda kwiimeko zongxamiseko
28 000+
Iintsuku eziye zafumaneka
5 776
Ababuki zindwendwe abaye banikela
Ukuza kuthi ga ngoku kulo nyaka, uAirbnb.org unikezele ngeentsuku ezingaphezu kweziyi-28 000 ebantwini abadingayo.

Ngenkxaso evela ebantwini abanikelayo, uAirbnb.org unike uMaile, uKai nezinja zabo indawo yexesha longxamiseko elungele izilwanyana zasekhaya emva kwezikhukula ezibi kakhulu eHawai'i. Le nto ithetha ukuba khange bashiye ilungu lentsapho ngasemva ibe bafumene indawo ekhuselekileyo yokuba baphumle bona nezinja zabo.
Funda okungakumbiNgenxa yenxaso evela kubabuki zindwendwe nasebantwini abanikelayo, siye sanceda kwiintlekele ezingaphezu kweziyi-87 phakathi kukaJanuwari noJuni.


Iindlela ekuye kwancedwa ngazo kwisiqingatha sokuqala sika-2026

Iindlela ekunokuncedwa ngazo ngo-2025

NgoJuni 2026, uAirbnb.org uye wasebenzisana nemibutho yasekuhlaleni engenzi nzuzo efana noRescue Response International neCADENA International, ukuze ancedise kumsebenzi wokulungiselela nokunikezela ngoncedo eVenezuela.
Ngexabiso ngokomyinge eliyi$110 ngosuku, iintsapho ezifana nekaYaira zifumene indawo ezinokuhlala kuyo.

Emva kokufunyaniswa ukuba unengxaki yokungasebenzi kakuhle kwentliziyo wabe engakwazi ukufumana unyango kufutshane nendawo yakhe, iFundación Lilo noAirbnb.org baye bafumana indawo yasimahla yexesha elifutshane kaYaira nabazali bakhe. Bahlala kwindawo ka-Airbnb kufutshane nesibhedlele sabantwana awayesiya kuso ukuze afumane unyango olusindisa ubomi.
Kwiindawo zika-Airbnb.org kuAirbnb kule minyaka mihlanu idlulileyo, i$110 yeedola zaseMerika ngumyinge wexabiso lokubhukisha emhlabeni wonke ngosuku olunye.