Ukugcina iintsapho nezilwanyana zazo zasekhaya zikunye

Ngenxa kaJinx, uAirbnb.org angakwazi ukunikezela ngeendawo zokuhlala zongxamiseko ezingakumbi simahla ebantwini nezilwanyana zabo zasekhaya emva kwentlekele.
Ifoto yentsapho kaMaile noKai behleli kwizitepsi ezingaphambili zendawo yabo nezinja ezintathu: uBlackie, uTiny noNoelle.

Masikwazise kuMaile, uKai nezinja zabo

“Ukuba uAirbnb.org ebengekho, inyani kukuba, ngesingenandawo ngoku ibe ngesilala emotweni yethu,” utshilo uMaile ngendawo yakhe yasimahla yexeshana abayifumene ngoAirbnb.org. “Ndandikuvuyela ukuhlamba iimpahla. Ndandikuvuyela ukuhlamba izinja. Ndandikuvuyela ukupheka isidlo esineentlobo ngeentlobo zokutya. Ndandipheka isidlo sakusasa, sasemini nesangokuhlwa. Yinto endidla ngokuyenza leyo ibe ibimnandi kakhulu.”
Funda ibali labo

Ukungashiyi nasiphi na isilwanyana sasekhaya ngamaxesha eentlekele

Xa beshiya iindawo zabo ngexesha leentlekele, i-32% yabantu iye yashiya inja enye ngasemva, ngokutsho kweUS ASPCA.UAirbnb.org unceda abantu abafuduke kwiindawo zabo babhukishe iindawo zokuhlala ezilungele izilwanyana zasekhaya ukuze intsapho yonke ikwazi ukuhlala kunye.
Umntu ufunqule izinja ezimbini ezincinci ethangeni lakhe, enye ijonge phezulu enye ijonge kwikhamera.

UJinx uyanikela ukuze abhatalele iindawo zokuhlala ngexesha longxamiseko ezizivumelayo izilwanyana zasekhaya

Encedwa nguJinx, uAirbnb.org angakwazi ukunika abantu abangakumbi nezilwanyana zabo zasekhaya indawo etofotofo ukuze bakwazi ukuqala phantsi kunye.Umnikelo kaJinx kuAirbnb.org unokubhatalela iintsuku ezingaphezu kweziyi-900 zendawo yokuhlala yongxamiseko simahla kwiintsapho ezifuduke ngenxa yeentlekele.
Inja emnyama enomlomo ovulekileyo enobuso obonwabileyo imi phambi komntu oneengalo ezine-tatoo.
Siyayibulela imibutho esisebenzisana nayo yakwa
Uphawu lwakwaJINX

UJinx yinkampani yale mihla yokutya kwezilwanyana zasekhaya esebenzela impilo yezinja neekati.

Funda okungakumbi