Indawo ekhuselekileyo kaMarcos

Apha unendawo ekhuselekileyo, indawo apho unokuba noxolo nosapho lwakho, kwaye unokuba namaxesha okuba kude nesibhedlele.
Xa uMarcos wayeneminyaka eyi-14 qha, oogqirha baseSpeyini bafumanisa iqhuma elizisentimitha eziyi-9—elilingana ne-grapefruit enkulu—esinqeni sakhe. Xa wafunyaniswa ene-Ewing's sarcoma, umhlaza wamathambo odla ngokubakhona ebantwaneni abaphakathi kweminyaka eyi-10 neyi-20, ubomi bukaMarcos batshintsha ngokupheleleyo.UMarcos nomama wakhe, uMaria, bachitha ixesha elininzi kwiminyaka emithathu elandelayo besiya eMadrid ukuze uMarcos afumane amayeza nonyango olufanelekileyo. Ubomi bajikeleza ekubonaneni noogqirha, ekufumaneni i-chemotherapy, unyango lwe-radiology neemvavanyo zonyango ezingabalekiyo. Babehlala kwindawo ekumgama weeyure ezintathu nomyeni kaMaria nentombi yakhe, eBurgos, umgama omde kakhulu emfaneni onomhlaza onqabileyo nohambela phambili ngokukhawuleza.UMaria wathi, “IEwing's sarcoma sisifo apho, nokuba umntwana uba nomkhuhlane omncinci, kufuneka alaliswe esibhedlele, kuba sisifo esibulala kakhulu.”Kunyaka wokuqala wonyango, uMarcos noMaria bavunyelwa ukuba babuyele ekhaya kube kanye kuphela ngosuku lokuzalwa lomyeni wakhe ngoMeyi.

Ukufumana intsapho eMadridEMadrid ngeentsuku zokuqala zonyango xa babengekho esibhedlele, uMarcos noMaria badibana nezinye iintsapho nabantwana ababefumana unyango ngeRonald McDonald House.UMaria wathi, “Kumnandi kuba ukunye nabantu abakuqonda nyhani. Kuba uhleli neentsapho ezijamelene nento efana neyakho, nokuba ngumhlaza owahlukileyo.”Nangona ukuba phakathi kwabantu kwakubalulekile kumama nonyana, ekugqibeleni kwafuneka bafune ezinye iindawo ukuze uMarcos aphile engqondweni. Baqalisa ukubhukisha iindawo kuAirbnb.Ekuqaleni, uMaria wayezibhatalela ngokwakhe ezi ndawo, ibe loo nto yayimenza abe nengxaki yemali, eyayisele incinci kakade—de iAladina Fundación yamdibanisa noAirbnb.org.

Uhlobo olwahlukileyo lonyango, izinto zekhaya ezenza uthi zavaUAirbnb.org usebenzisana nemibutho enjengeAladina Fundación eSpeyini ukuze anikezele ngeendawo zasimahla, zexesha elifutshane kwiintsapho nasebantwini abazofumana unyango kude nekhaya.UMaria uthe ngonyana wakhe, “Unyana wam undinika amandla. Emva kokubuyela emva kaninzi neminyaka emininzi ndizama, unyana wam ube ngumzekelo kum.”Iindawo ezifana nezi ziyafumaneka ngenxa yenkxaso evela ebantwini abanikela kuAirbnb.org, abanceda abazali abafana noMaria, baze benze izigulana ezifana noMarcos zizive ngathi izinto zihamba ngokuqhelekileyo zize zikhululeke.

Ukuba nendawo yokuhlala, indawo oziva usekhaya kuyo, indawo onokuphumla kuyo nendawo ekufutshane kakhulu nesibhedlele. Awukwazi ukubeka ixabiso kuloo nto.”
Ngaphezu kwento yonke, uMarcos uyaluxabisa uxolo nenzolo ayifumana kwindawo ahlala kuyo ngoAirbnb.org.Ngamazwi akhe uthi, ukuhlala ngoAirbnb.org “yeyona nto isondeleyo kwikhaya.
Yenza okuthile
Joyina intsapho yomhlaba wonke yabantu abanikezela ngeendawo zokuhlala ngexesha longxamiseko ngamaxesha obunzima.
Funda okungakumbiIsihlandlo ngasinye ekuhlalwe ngaso sinebali
Bona abantu abachaphazelwe zintlekele nabantu ababancedileyo.



