Umlilo waseNorte

Oktobha 2026

Ukususela ngoMgqibelo, nge-17 kaOktobha 2026, Umlilo waseNorte uye watshisa iihektare eziyi-570 waza wanyanzelisa abantu ukuba bafuduke xa bekunomoya omkhulu ibe kushushu kakhulu. UAirbnb.org usebenzisana no-211OC, inkonzo ebalulekileyo yeOrange County United Way, ukuze achonge abantu abafuduke ngenxa Yomlilo waseNorte kumzantsi weOrange County aze abadibanise nendawo abanokuhlala kuyo simahla.Indawo yexeshana iyafumaneka ebantwini abahlala kwiindawo ekunyanzelekileyo ukuba kufudukwe kuzo.Abahlali abakwindawo echaphazelekileyo banokufowunela ku-2-1-1 ukuze bafumane uncedo lokusebenzisa izinto ezifumanekayo, kuquka uncedo lwezindlu luka-Airbnb.org xa lufumaneka, nezinye izinto ezifunekayo ezifana nokutya kwexesha longxamiseko, indawo ekunokuhlalwa kuyo nezinto ezingakumbi.

Indlela onokunceda ngayo

Ukuba ungathanda ukunceda ngokunikezela ngeendawo ezisimahla ebantwini abachatshazelwe yinyikima, unganikela kuAirbnb.org. Yonke iminikelo iya ngqo kwiindawo zongxamiseko. Ukuba ungumbuki zindwendwe wakwa-Airbnb, ungavula iakhawunti ukuze unikezele ngeendawo ezinezaphulelo ebantwini abachaphazelekileyo. UAirbnb unikela ngemali ebhatalelwa ukusebenzisa uAirbnb ngumntu obuka iindwendwe kuAirbnb.org ngezi ndawo ibe ababuki zindwendwe bakhuselwa yiAirCover qho kubhukishwa.

Unemibuzo?

Qhakamshelana neqela lokunceda abathengi lika-Airbnb.org. Linokuphendula imibuzo lize lincede iindwendwe nababuki zindwendwe.

Unemibuzo?

Qhakamshelana neqela lokunceda abathengi lika-Airbnb.org. Linokuphendula imibuzo lize lincede iindwendwe nababuki zindwendwe.