Imibutho esisebenzisana nayo
UAirbnb.org ubhatalela iindawo zexesha elifutshane ibe usebenzisana nemibutho engenzi nzuzo yasekuhlaleni ukuze anikezele ngeendawo ngexesha longxamiseko ebantwini abazidingayo.

Indlela uAirbnb.org anokusebenza ngayo nombutho wakho
UAirbnb.org unikezela ngendawo yexesha elifutshane ngokukhawuleza nangendlela ebhetyebhetye, simahla ebantwini abasweleyo, kumavolontiya nasebantwini abasabele kuqala.
Sebenzisana nathi
Kulula
Esebenzisa itekhnoloji nentsapho, uAirbnb.org unikezela ngeendawo zongxamiseko simahla ngokobuninzi bazo.

Iyakhawuleza
Ngenxa yokuba uAirbnb.org esebenzisa inethiwekhi ne-app esele ikho, amaqela ethu anokunikezela ngeendawo kwiiyure nje ezimbalwa, kungekhona kwiintsuku.

Zinokutshintshwa
Izinto ekunokukhethwa kuzo zeentsapho, zezilwanyana zasekhaya, nezabantu abadinga izinto ezinceda kungeneke lula abanokufikelela kwizinto ezinokubhukishwa ezizigidi eziyi-9 ezifumaneka kwa-Airbnb emhlabeni wonke.
Masikwazise kwimibutho esisebenzisana nayo
Ngokuchonga abantu abasweleyo, imibutho esisebenzisana nayo iye yanceda iqela lethu lanikezela ngeendawo zongxamiseko simahla ezifikelela kwiintsuku ezingaphezu kwe-1,6 miliyoni ukususela ngo-2020.
Iindawo ekuhlala kuzo abazokunceda okanye abancedwa kwiimeko zongxamiseko
Iphepha le-1 kwayi-1
Iindawo zokuhlala abeze ngenxa yokugula
Iphepha le-1 kwayi-1
Iindawo ekuhlala kuzo abantu abafudukayo
Iphepha le-1 kwayi-1
Yiva ukuba ithini imibutho esisebenzisana nayo
Amabali emibutho esisebenzisana nayo
Yiva ngeenkampani esisebenzisana nazo emhlabeni wonke uze ufunde ngee-beneficiaries esizincedileyo kunye.
Amabali emibutho esisebenzisana nayo
Yiva ngeenkampani esisebenzisana nazo emhlabeni wonke uze ufunde ngee-beneficiaries esizincedileyo kunye.

Izikhukula Zasembindi Texas
USkylyn weva ukuba uAirbnb.org unikezela ngendawo yongxamiseko simahla ebantwini abachatshazelwe zizikhukula ngoAll Hands and Hearts. Wafuna uncedo waza wakhawuleza wakwazi ukubhukisha indawo ka-Airbnb.org ekufutshane. Le ndawo yanika unyana wakhe indawo yokudlala yaza yamvumela ukuba acinge ngento elandelayo aza kuyenza.


Ukuhambela ezonyango
UYaira oneminyaka eyi-7, owayesiya eMexico City ukuze afumane unyango olungxamisekileyo, wayefuna unyango olukhawulezileyo ukuze kusindiswe ubomi bakhe. Abazali bakhe baqhakamshelana nenkampani esebenzisana noAirbnb.org, iFundación Lilo, umbutho ongenzi nzuzo waseMexico, onceda iintsapho ziye eMexico City ukuze zifumane utyando lwentliziyo olusindisa ubomi babantwana.

Imibuzo Edla Ngokubuzwa Yimibutho Esisebenzisana Nayo
UAirbnb.org unikezela ngeendawo kwiindawo ezinjani?
UAirbnb.org ufikelela izinto afuna ukuzifikelela ngeenkqubo ezintathu eziphambili, nganye ijongana nesidingo esahlukileyo sezindlu.
- Iindawo ekuhlala kuzo abazokunceda okanye abancedwa kwiimeko zongxamiseko: Ukunceda abantu abafuduke ngenxa yeentlekele okanye ngeemeko zongxamiseko nabantu abancedisa kumsebenzi obalulekileyo wokunceda kwiimeko zongxamiseko
- Indawo ekuhlala kuyo abantu abeze ngenxa yokugula: Ukuxhasa abantu neentsapho ekufuneka zihambele unyango, ezijongene nobunzima ngenxa yokugula kakhulu, okanye abanikezela ngeenkonzo ezibalulekileyo njengoogqirha
- Iindawo ekuhlala kuzo abantu abafudukayo: Ukuxhasa abantu neentsapho ezinyanzelekileyo ukuba zishiye amakhaya azo, ezifudukela kwiingingqi ezintsha, nezaziwa njengeembacu okanye ezinikwe imeko yokukhuselwa efanayo
Yintoni ekufuneka yenziwe yinkampani ukuze isebenzisane noAirbnb.org?
Ukuze ube ngumbutho esisebenzisana nawo, uza kunikwa umntu ovela kwiqela lakwa-Airbnb.org ibe niza kulandela la manyathelo kunye.
- Sebenzisana nomntu wakho wakwa-Airbnb.org ukuze niqinisekise ukuba into enifuna ukuyenza, iinkqubo zakho nengingqi eniza kusebenza kuyo ziyahambelana nezinto uAirbnb.org afuna ukuziphumeza ekunikeleni ngeendawo zokwexeshana ebantwini ngamaxesha obunzima
- Fumana uqeqesho luka-Airbnb.org lokunceda ngexesha longxamiseko, lweendawo zokuhlala abantu abeze ngenxa yokugula okanye lenkqubo yeendawo ekuhlala kuzo abantu abafudukayo
- Kulungele ukumema abantu abachatshazelwe zintlekele okanye zingxaki ukuba bafumane indawo yongxamiseko
Ngaba uAirbnb wenza imali ngeendawo zexesha longxamiseko?
UAirbnb akenzi mali ngezi ndawo kuhlalwa kuzo.
















