Umlilo wehlathi eJasper

URoie noJelly benza ubuhlobo obungunaphakade emva komlilo wehlathi

Amabhinqa amabini emi kunye encumile
Two women are standing together smiling

URoie wafudukela eJasper, eKhanada esuka kwiiPhilippines ukuze asebenze aze ahlale nentsapho kadadewabo. Wazibandakanya nabantu basekuhlaleni waza wacinga ukuba uyifumene eyona ndawo ifanelekileyo yokuhlala.Emva koko, ngoJulayi 2024, imililo yamahlathi yayonakalisa loo dolophu enomtsalane esezintabeni. Abantu abangaphezu kwe-25 000 banyanzeleka ukuba bafuduke kwaye i-30% yezakhiwo zaseJasper zatshatyalaliswa, kuquka indawo kaRoie neka dadewabo.

Ibhinqa limi kwiyadi engenanto eyayisakuba nendawo yalo yokuhlala

Engenayo indawo yokuhlala ekhuselekileyo, uRoie wayengazi ukuba yintoni elandelayo emakayenze. Kulapho wafumanisa khona ngeendawo zokuhlala zongxamiseko ngoAirbnb.org.URoie waye wakwazi ukubhukisha indawo ka-Airbnb.org yasimahla wahlala neSuperhost yasekuhlaleni, uJelly, owayesele eneminyaka eyi-40 ehlala eJasper. URoie wathi, “Ndancedakala kakhulu. Ndatsho ndakwazi ukuqalela phantsi.

Ibingathi liyeza emphefumlweni wam.”

Ibhinqa limi kwindawo yokuhlala lijonge kude

URoie wahlala ekhayeni likaJelly inyanga, ibe ngelo xesha waye wakwazi ukucinga ngezinto aceba ukuzenza xa ehlala eJasper aze afumane isiqabu. Uye wathi, “Ndiye ndakwazi ukuziphekela, ukuphumla, ukuphunga ikofu phambi kwefestile, ndibukele iitreyini zidlula. Ibingathi ndinyangwa emphefumlweni.”

Amabhinqa amabini ahleli ecaleni komnye encokola egadini.

URoie wayengomnye weendwendwe ezisixhenxe uJelly aye wangumbuki zindwendwe wazo esebenzisa uAirbnb.org, ibe baye benza ubuhlobo obungasoze buphele. Namhlanje, uRoie nodadewabo bavuselela ikhaya labo kwaye bajonge phambili kubomi babo obutsha eJasper.

Yenza okuthile

Joyina intsapho yomhlaba wonke enikezela ngeendawo zokuhlala ngexesha longxamiseko ngamaxesha obunzima.

Funda okungakumbi

Isihlandlo ngasinye sokuhlala sinebali

Bona abantu abachaphazelwe zintlekele nabantu ababancedileyo.