Izikhukula zaseSkagit
UAirbnb.org usebenzisana noWashington 211 ukuze anikezele ngendawo yokuhlala yongxamiseko simahla ebantwini abaye bafuduka ngenxa yezikhukula eSkagit, eWashington.Ukuba wena okanye umntu omaziyo uchatshazelwe zizikhukula, ungaqhakamshelana noWashington 211 ukuze ufake isicelo sendawo yokuhlala. Ukuze ufumane indawo yokuhlala, umele ube neakhawunti ka-Airbnb ukuze uqinisekise ukuba unguwe nyhani, ukuba awunayo ungayivula apha.
Ukuba ungathanda ukunceda ngokunikezela ngeendawo zokuhlala simahla ebantwini abachatshazelwe zizikhukhula zaseSkagit, unganikela kuAirbnb.org. Yonke iminikelo iya ngqo kwiindawo zokuhlala zongxamiseko. Ukuba ungumbuki zindwendwe wakwa-Airbnb, ungavula iakhawunti ukuze unikezele ngeendawo zokuhlala ezinezaphulelo ebantwini abachaphazelekileyo. UAirbnb unikela ngemali ebhatalelwa ukusebenzisa uAirbnb ngumbuki zindwendwe kuAirbnb.org ngezi ndawo zokuhlala ibe ababuki zindwendwe bakhuselwa yiAirCover qho kubhukishwa.