Disemba 2022

Ukwenza umhlaba apho abantu beziva bengabalapho

Umzobo wenziwe nguHelen Li

Umsebenzi ka-Airbnb.org kukuvula amathuba okufumana indawo, izinto eziluncedo, nenkxaso ngamaxesha anzima. Kodwa ayinguye wonke umntu onokufikelela ngendlela elinganayo kwezi zinto zincedayo. Yiloo nto sizibophelele ukuba ukwamkela bonke abantu, ukulingana, ukungakhethi, nokunceda abantu abaneziphene kube yeyona nto iphambili kumsebenzi wethu wemihla ngemihla.

Izinto ezisisiseko esizibophelele kuzo ezingeDEIA

NgoAprili 2021, uAirbnb.org wazisa ngezinto ezintathu eziphambili azibophelele kuzo ekwamkelweni komntu wonke, ezingokulingana kwabantu, nezingokungakhethi mntu. Ezi zinto sizibophelele kuzo zakha ubuhlobo phakathi kwethu neendwendwe Nababuki Zindwendwe; zenza sisebenzisane nemibutho engenzi nzuzo namaziko karhulumente; neqela lethu lika-Airbnb.org.

Njengombutho, sizibophelele kwezi zinto:

  1. Sisenza inkqubo nomsebenzi wethu ujongane nabantu abasuka kwiindawo apho abantu bazo beye bavaleleka ekufikeleleni ngokwaneleyo kwizibonelelo ngenxa yezentlalo, inkcubeko, uqoqosho, nengcinezelo yezopolitiko.
  2. Sisebenzela ekuqinisekiseni ukuba naluphi na undwendwe olusebenzisa uAirbnb.org lufumana umgangatho ofanayo weenkonzo neendawo zokuhlala.
  3. Sakha iqela elibunjwa ngabantu abohlukahlukeneyo eliquka, njengesiqalo, ukuba kuthi kuphela u-2025 ubuncinane iipesenti eziyi-33 zabasebenzi bethu baseMerika babe ngabantu abebekade bevalelwe amathuba.

Ngo-2022, siye sasibeka phambili isidingo sokuquka izinto ezinceda indlu ilungele wonke umntu njengenxalenye ekhethekileyo yento esizibophelele kuyo; siza kuyihlaziya into esizibophelele kuyo ukuze siyifezekise le nto ngo-2023.

Nantsi indlela esizenza ngayo izinto esizibophelele kuzo

Ukuze sizifikelele izinto ezingeDEIA esizibophelele kuzo, senza ezi zinto:

  • Ukusebenzisana nemibutho yasekuhlaleni nemibutho engenzi nzuzo ezibophelele njengathi ekulinganeni. Xa kuvela iingxaki, amaqela ethu afuna ukusebenzisana nemibutho yasekuhlaleni enceda abantu abavalelwe amathuba. Kutshanje siye sasebenzisana nemibutho efana nale:
    • I-Each One Teach One, exhasa abantu abaneziphene nabantu abangengobemi baseUkraine abafuduke ngenxa yemfazwe eUkraine
    • I-Black Women for Black Lives, efunele abafundi abayi-2 000 baseAfrika abaseUkraine iindawo zokuhlala simahla ngaphandle kwelo lizwe
    • I-ORAM, ephantsi kweAlight, eye yanceda abantu beLGBTQ+ ababaleke eUkraine ukuba bafumane iindawo zokuhlala nenkxaso karhulumente eBerlin nakwezinye izixeko zaseYurophu
  • Sisebenzisana neengcali ezihamba phambili ekwamkeleni bonke abantu nasekusebenzeleni ukuba abantu balingane ukuze zisincede sihlole size siphucule umsebenzi wethu kwezi zinto sizibophelele kuzo. Umbutho wabucala iWe All Count, umbutho okhuthaza uphando olwenziwa ngendlela yokuba abantu balingane. Ngo-2022, uye wanceda uAirbnb.org enze uphando lovavanyo ukuze aqonde bhetele amava abantu abafumene iindawo zokuhlala zokwexeshana ngamaxesha obunzima ngoAirbnb.org. Ngokusekelwe kwezi ziphumo, senzela ukuba sikwazi ukulandelela indlela esiqhuba ngayo nokuqinisekisa ukuba siyazifikelela izinto esizibophelele kuzo.
  • Ukubethelela iindlela zokuyila ezenza abantu balingane kumsebenzi wethu. Imigaqo yethu yokubalisa amabali ngokuqhutywa yintlungu eyehlele abantu neyeendlela zokuyila ezenza abantu balingane isikhokelela ekubeni sibalise amabali ngomsebenzi esiwenzayo neendwendwe zethu, Nababuki Zindwendwe bethu, nemibutho esisebenzisana nayo sibambisene. Siyasebenzisana ekwenzeni izigqibo ezicingisiswe kakuhle, ezihlonipha iilwimi ezithethwa ngabantu nendlela esithanda ukubonwa ngayo.
  • Siqinisekisa ukuba ukuzibophelela kwethu ekulinganeni kwabantu kufikelela nakubasebenzi. Into esizimisele ukuyenza, engekapheli u-2025, kukuba ubuncinane iipesenti eziyi-33 zabasebenzi bethu baseMerika ibe ngabantu abebekade bevalelwe amathuba. Simela abantu abambalwa abajongelwa phantsi eMerika abo bazichaza njengolunye lwezi ntlanga/zizwe zilandelayo: Umntu waseMerika oliNdiya okanye waseAlaska; Umntu omnyama okanye ongumAfrika waseMerika; Umntu onemvelaphi yaseSpeyini okanye yesiLatini; Umntu waseHawaii okanye wenye indawo yasePasifiki.

    Xa sasiqala ukuzibophelela kwezi zinto, babesenza i-19 pesenti abasebenzi bethu abaqeshwe ngokusisigxina abasuka kwiintlanga ezimbalwa ezijongelwa phantsi. Ukususela nge-30 kaSeptemba 2022, benza i-28 pesenti abasebenzi baka-Airbnb.org abaqeshwe ngokusisigxina abasuka kwiintlanga ezimbalwa ezijongelwa phantsi. Siyazi ukuba kungumsebenzi ongapheliyo ukubandakanya, ukugcina, nokuhambisela phambili italente eyahlukeneyo ukuze siqhubeke nokuxhamla kwiimbono ezahlukahlukeneyo, kwaye siza kuqhubeka sibeka phambili ukulingana xa siqesha nakwinzame zokugcina abasebenzi.

Sizimisele ukucinga ngeendlela ezintsha zokwenza kulinganwe emsebenzini wethu, kubekho ifuthe kwiindawo eziye zehlelwa zingxaki, nokunceda ekwenzeni ilizwe apho abantu beziva bengabalapho kwaye bephiliswa.

Umzobo wenziwe nguHelen Li