Iimvula Ezinamandla Emzantsi-ntshona YaseJapan
Hlola ukuba uyafaneleka na ukuze ufake isicelo seendawo zokuhlala zongxamiseko.
UAirbnb.org unikezela ngendawo yongxamiseko yasimahla ebantwini abafuduke ngenxa yemvula enkulu Emzantsi-ntshona yaseJapan. apha. Ukuba kunesaziso sokuba kuza kufuneka ufuduke okanye ulunyukiswe ngokufuduka, okwangoku awukufanelekeli ukufumana indawo yokuhlala yexesha longxamiseko ngoAirbnb.org.
Abahlali abachatshazelwe zimvula ezinkulu banokufaka izicelo zendawo yokuhlala ukuba eyona ndawo abahlala kuyo ikwindawo ekunyanzelekileyo ukuba kufudukwe kuyo, ibe singakwazi ukuqinisekisa ukuba ngabo nyhani. Umele ube neakhawunti ka-Airbnb ukuze uqinisekise ukuba unguwe nyhani, ukuba awunayo ungayivulaIndlela onokunceda ngayo
ungavula iakhawunti ukuze unikezele ngeendawo zokuhlala ezinezaphulelo ebantwini abachaphazelekileyo. UAirbnb akayitsali imali ebhatalelwa ukusebenzisa uAirbnb kubabuki zindwedwe nakwiindwendwe zika-Airbnb.org. Ababuki zindwendwe ababhalisela ukunikezela ngeendawo zabo ngoAirbnb.org bafumana i-inshorensi yokukhuselwa kombuki zindwendwe kumonakalo neinshorensi yokubhatalela umonakalo oqhelekileyo yeAirCover qho kubhukishwa.
Ukuba ungathanda ukunceda ngokunikezela ngeendawo zokuhlala simahla ebantwini abachatshazelwe zimvula ezinkulu, unganikela kuAirbnb.org. Yonke iminikelo iya ngqo kwiindawo zokuhlala zongxamiseko. Ukuba ungumbuki zindwendwe wakwa-Airbnb,