Ukunceda emva kwenyikima yaseVenezuela
Nceda ngokunikezela ngendawo yongxamiseko esimahla ebantwini abachatshazelwe zinyikima zaseVenezuela nangezinye iingxaki.
NikelaUkunceda emva kwenyikima yaseVenezuela
Nceda ngokunikezela ngendawo yongxamiseko esimahla ebantwini abachatshazelwe zinyikima zaseVenezuela nangezinye iingxaki.
Nikela
Indlela esinceda ngayo
UAirbnb.org, umbutho ongenzi nzuzo owasekwa nguAirbnb ukuze unikezele ngeendawo zexesha longxamiseko ngamaxesha obunzima, okwangoku unikezela ngendawo esimahla, yongxamiseko ebantwini abasabele kuqala abahlala eMerika nakumazwe aselumelwaneni ukuze baxhase umsebenzi wokunceda eVenezuela. Kuhlalwa simahla yile mibutho ibe ixhaswa nguAirbnb.org nangabantu abanikelayo abanobubele.Apha ekuqaleni, uAirbnb.org usebenza nemibutho engenzi ngeniso, kuquka iRescue Response International, iCADENA International neminye ukuze axhase umsebenzi wayo njengoko ilungiselela ukuba kuyiwe eVenezuela.
Indlela yokunceda


Nikezela ngendawo yokuhlala
Ukuba ungumbuki zindwendwe wakwa-Airbnb, nikezela ngendawo yokuhlala enesaphulelo kwiAirbnb yakho kubahlali abachaphazelekileyo okanye ebantwini abasabele kuqala.
Imibuzo Edla Ngokubuzwa
Ndingayifumana njani indawo yokuhlala yexesha longxamiseko ka-Airbnb.org?
Okwangoku, uAirbnb.org akazamkeli izicelo eziza ngqo zabantu abakhangela iindawo zokuhlala zexesha longxamiseko. Endaweni yaloo nto, uAirbnb.org uza kusebenzisana nemibutho karhulumente nemibutho engenzi nzuzo yasekuhlaleni ukuze afumane abantu abadinga iindawo zokuhlala zexesha longxamiseko. Funda okungakumbi
Ngoobani abakufanelekelayo ukubhukisha indawo ngoAirbnb.org?
Abantu abaye bachatshazelwa zinyikima eVenezuela basenokufanelekela ukubhukisha indawo yexesha longxamiseko ngoAirbnb.org. UAirbnb.org usebenzisana nemibutho karhulumente nemibutho engenzi nzuzo ukuze ancede ekuhloleni ukuba umntu uyafaneleka na. Funda okungakumbi
Ndinganikezela ngendawo yam ngexabiso elipheleleyo kuAirbnb kwiindwendwe, ndize ndinikezele ngayo simahla okanye ngesaphulelo ngexesha longxamiseko kuAirbnb.org?
Ewe. Unekhalenda enye, ngoko iindwendwe azizokwazi ukubhukisha ixesha elinye kabini.
Ndiza kwazi njani ukuba isicelo sokubhukisha sivela kwa-Airbnb.org?
Ababuki zindwendwe bayachazelwa ebudeni benkqubo yokubhukisha xa isicelo sokubhukisha isesomntu odinga indawo yokuhlala yemeko yongxamiseko ngoAirbnb.org.
Kwenzeka ntoni xa ixesha lokuhlala londwendwe liphelile?
Iindwendwe zika-Airbnb.org zimele ziphume ngexesha ekuvunyelwene ngalo ngokwengxelo yokubhukisha. Kwimeko apho kuphoswe ixesha lokuphuma, uAirbnb uneqela elikhethekileyo labantu abanceda ngokukhethekileyo abaza kusebenzisana nondwendwe ukuze lukwazi ukuphuma.
Andingombuki zindwendwe wakwa-Airbnb, kodwa ndifuna ukunikezela ngendawo yam emva kweentlekele zemvelo. Ndithini?
Unako ukuvula iakhawunti ukuze ubuke iindwendwe ngoAirbnb.org kuphela, nto leyo ethetha ukuba uza kubuka iindwendwe ezifuna iindawo zokuhlala zexesha longxamiseko kuphela ibe uza kunikezela ngendawo yakho simahla. Indawo yakho ayizukufumaneka ukuze iindwendwe zibhukishe iindawo zokuhlala ezingezizo ezongxamiseko.
Umnikelo wam unceda bani?
Umnikelo wakho kuAirbnb.org ubhatalela iindawo zongxamiseko zeentsapho nezabo basabele kuqala abafuna indawo ngenxa yenyikima okanye ngenxa yenye ingxaki.Yonke imali onikela ngayo ibhatalela iindawo zongxamiseko zasimahla zabantu abachaphazelekayo — kungekhona iindleko zokusebenza. Iindleko zokusebenza zika-Airbnb.org zibhatalwa nguAirbnb. UAirbnb.org usebenza ngokuzimeleyo njengombutho ongenzi nzuzo oyi-501(c)(3).
Funda okungakumbi ngendlela esinceda ngayo
Bona abantu abachaphazelwe zintlekele nabantu ababancedileyo.



