Nceda intsapho ifumane indawo yokuhlala

Umzobo wendawo yokuhlala enezibane ezilayitiweyo kukho izinto ezibonwayo zesixeko eziqaqambileyo ngasemva kwayo.

Yonke iminikelo ibhatalela iindawo zokuhlala zabantu abasengxakini ngexesha longxamiseko.

Nikela

Into engakumbi kunendawo nje yokulala

Indawo ka-Airbnb.org ayiyondawo nje yokufihla intloko, kodwa yenza abantu baphumle, bahlaziyeke, baze bahlale besondele kwiindawo abahlala kuzo ngamaxesha obunzima. Indawo yokuhlala ibanika iindawo ezifana nekhitshi lokwenza ukutya okuphekwe ekhaya, igumbi elizolileyo apho abantwana belala khona, okanye iyadi engasemva apho izilwanyana zasekhaya zingadlala khona.
Umzobo wentsapho yabantu abathathu, utata, umama, nomntwana, bangena kwindawo ethile okokuqala emva kokufuduka ngenxa yentlekele.

Indlela esebenza ngayo

Isilumkiso

Kwehla intlekele

Sinceda kwizikhukula, kwimililo yamahlathi, kwiinyikima, nakwizinto ezingakumbi emhlabeni wonke. Sinikezela ngeendawo zokuhlala ebantwini abadinga indawo sisebenzisana nabantu basekuhlaleni abathembekileyo esisebenzisana nabo.
Isitshixo seendwendwe

Iindwendwe zihlala simahla

Emva kokuba zihloliwe, iindwendwe zifumana imali ezinokuyisebenzisa yokubhukisha uAirbnb onezi zinto ezizidingayo simahla. UAirbnb ubhatalela iindleko zokusebenza zika-Airbnb.org ibe akenzi mali kwiindawo zokuhlala zika-Airbnb.org, nto leyo ethetha ukuba yonke iminikelo ixhasa ngqo iindawo zokuhlala zongxamiseko.
Indawo

Ababuki zindwendwe ngamaqhawe

Iminikelo iqinisekisa ukuba iindwendwe zihlala simahla. Ababuki zindwendwe basabhatalwa ibe izaphulelo zinceda loo mali ihambe umgama omde.

Ababuki zindwendwe banceda ukuze izinto zenzeke

Ababuki zindwendwe bavula iindawo zakho, bezivulela abantu abasengxakini quka abamelwane, abo basabele kuqala, namavolontiya.

Yenza okuthile

Joyina amawakawakawaka ababuki zindwendwe ekuncedeni abo basengxakini

UEshele, undwendwe luka-Airbnb.org, uthetha nombuki zindwendwe wakhe uInessa.

Nikezela ngendawo yokuhlala ekhuselekileyo

Yamkela intsapho edingayo. Isaphulelo sinceda iindwendwe ezidingayo zenze izinto ezininzi ngemali yazo ka-Airbnb.org.
Funda okungakumbi
Iindwendwe ezimbini zika-Airbnb.org zibambene ngezandla

Yiba ngumntu onikelayo

Wonke umnikelo wakho uya ngqo ekufumaneleni indawo yokuhlala intsapho esengxakini.
Nikela ngoku