Nikela ngendawo yokuhlala usuku simahla, ngexesha longxamiseko.

Xa kusehla intlekele, kubiza i$110 ukunika intsapho esengxakini indawo yokuhlala usuku. UAirbnb uza kunikela ngemali elingana nomnikelo wakho ukuya kutsho nge-31 kaDisemba.
Nikela ngemali

Sikholelwa ukuba indawo yokuhlala yongxamiseko kufuneka ibe likhaya, kungekhona ikhusi.

Emva kwentlekele, ukuhlala simahla kwindawo yokuhlala kubenza bazive bekhuselekile, bengaphathwanga kakubi, ibe izinto zikwimeko yesiqhelo — abantu abadala, abantwana, nezilwanyana zasekhaya.

Iphumelele emhlabeni wonke.

Sikunye nababuki zindwendwe nabantu abanikelayo, senza umahluko.
1.6M

iintsuku ezingabhatalelwayo

Ayi-250K

abantu abafunyanelwe indawo

135

amazwe aye ancedwa

Iminikelo ibhatalela iindawo zokuhlala kuphela. Ayikho enye into.

Indlela esizenza ngayo izinto yohlukile. Iindleko zokusebenza zibhatalwa nguAirbnb, ngoko yonke iminikelo yabantu isetyenziselwa ukubhatalela iindawo zokuhlala zasimahla zexesha longxamiseko.
Intsapho ime ngaphandle kwendawo yayo yokuhlala ka-airbnb.org

Yenza okuthile

Zimbini iindlela eziphambili zokunikela ukuze uncede uAirbnb.org anikezele ngendawo yokuhlala yongxamiseko simahla.
Ibhinqa londlula igumbi lokulala elicocekileyo, elibethwa lilanga nelinebhedi yamaplanga netyesi yamaplanga ngasezinyaweni.

Nikela ngemali

Nikela kube kanye okanye unikele nyanga nganye ukuze uAirbnb.org akwazi ukufumana indawo yokuhlala yexesha longxamiseko.
Indoda enxibe ijezi eorenji nebhinqa elinxibe ilokhwe engwevu bame emnyangweni wendlu bencumile ibe bengqiyame omnye komnye.

Buka iindwendwe kwindawo yokuhlala

Ukuba ungumbuki zindwendwe wakwa-Airbnb, ungakhetha ukufaka iAirbnb yakho ngexabiso elinesaphulelo ebantwini abachatshazelwe zintlekele okanye zezinye iingxaki.

Isihlandlo ngasinye sokuhlala sinebali

Masikwazise ebantwini abachaphazelwe zintlekele nabantu abanikele ngoncedo.