Izikhukula Zasemzantsi Texas
UAirbnb.org usebenzisana neUnited Way of San Antonio neCatholic Charities, neArchdiocese of San Antonio ukuze anikezele ngendawo yongxamiseko simahla ebantwini abaye bafuduka ngenxa yezikhukula kuMzantsi weTexas . Abahlali abachatshazelwe zizikhukula banokufaka izicelo zendawo ukuba eyona ndawo abahlala kuyo ikwindawo ekunyanzelekileyo ukuba kufudukwe kuyo, ibe singakwazi ukuqinisekisa ukuba ngabo nyhani. Umele ube neakhawunti ka-Airbnb ukuze uqinisekise ukuba unguwe nyhani, ukuba awunayo ungayivula apha. Ukuba kunesaziso sokuba kuza kufuneka ufuduke okanye ulunyukiswe ngokufuduka, okwangoku awukufanelekeli ukufumana indawo yexesha longxamiseko ngoAirbnb.org.
Ukuba ungathanda ukunceda ngokunikezela ngeendawo simahla ebantwini abachatshazelwe zizikhukhula, unganikela kuAirbnb.org. Yonke iminikelo iya ngqo kwiindawo zongxamiseko. Ukuba ungumbuki zindwendwe wakwa-Airbnb, ungavula iakhawunti ukuze unikezele ngeendawo ezinezaphulelo ebantwini abachaphazelekileyo. UAirbnb unikela ngemali ebhatalelwa ukusebenzisa uAirbnb ngumbuki zindwendwe kuAirbnb.org ngezi ndawo ibe ababuki zindwendwe bakhuselwa yiAirCover qho kubhukishwa.